Ezekiel 29:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ekupeleni kweminyaka imashumi mane, ndiya kubuta ama‐Jipete ezizweni apo abetelwe sa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekupheleni kweminyaka engamashumi amane, ndiya kuwabutha amaYiputa ezizweni, abephangalaliselwe kuzo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Kuza kuthiwa sekudlule iminyaka engamashumi amane ukususela oko ndawaqokelelayo amaYiputa ezintlangeni awayechithachitheke kuzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kanti itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Emva kweminyaka engamashumi amane ndiya kuwaqokelela amaJiputa ezizweni ebebhacele kuzo.