Ezekiel 29:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boba butobekile kubo bonke ubukumkani; kanjalo abusayi kubuya buzipakamise pezu kwentlanga: ngokuba ndiya kuwancipisa, ukuze angapati ubukosi pezu kwentlanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezikumkanini aya kuba sesiphantsi, angabi saziphakamisa ngokwawo phezu kweentlanga; ndiwanciphise, ukuze angazinyatheleli phantsi iintlanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kuba ngoorhulumente abaphantsi; aniyi kuba saziphakamisa iintlanga, ngenxa enokuba ndiya kuzinciphisa, ukuze zingabi sazilawula iintlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aya kuba sesona sizwana siphantsi esingasokuze sibuye sibaluleke kwezinye izizwe. Ndiya kusibetha kangangokuba singaze siphinde sizilawule ezinye izizwe.