Ezekiel 29:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bungayi kubuya bube litemba lendlu ka‐Sirayeli, elikumbuza ityala, ngokubeka kwabo emva kwawo; aeya kukwazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akayi kuba saba yinkoloseko yendlu kaSirayeli, ekhumbuza ubugwenxa ngokubheka kwayo kuwo; azi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ayisayi kuba saba yithemba lendlu kaSirayeli, ekukhumbuleni ububi bayo ekuboneleleni kwayo; kodwa baya kwazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
IJiputa ayisoze iphinde ibe yindawo azigwagwisa ngayo amaSirayeli, kodwa iya kuhlala isisikhumbuzo sesono sawo sokucela uncedo kuyo. Baya kundazi ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo iNgangalala.”