Ezekiel 29:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunika u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ilizwe le‐Jipete; oya kususa isihlwele salo, atimbe amaxoba alo, apange impango yalo; lona loba ngumvuzo wempi yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ndimnika ilizwe laseYiputa, ukuba athuthe intabalala yalo, athimbe intimbo yalo, aphange ixhoba lalo, ezo zinto zibe ngumvuzo wempi yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ilizwe laseYiputa ndilinikela kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; liya kuyithimba into eninzi yalo, liphange amaxhoba ayo, liyiphange impahla yayo; kwaye oku kuya kuba ngumvuzo womkhosi wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: IJiputa ndiza kuyinikezela kuNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli, ukuze abuthimbe bonke ubutyebi bayo. Uya kuthimba yonke into enexabiso kwelo zwe, ibe ngumvuzo wokubulaleka komkhosi wakhe.