Ezekiel 29:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomhla lowo ndiya kuhlumisa upondo lwendlu ka‐Sirayeli; nakuwe ndiya kunika ukuvulwa kwomlomo pakati kwabo; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngayo loo mini ndiya kuyihlumisela uphondo indlu kaSirayeli, ndikunike ukuvulwa komlomo phakathi kwabo; bazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini ndiya kuyikhulisa uphondo lwendlu kaSirayeli, yaye ndiya kukunika ukuvulwa komlomo phakathi kwabo; zazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mini ndiya kuhlumisa uphondo kwindlu kaSirayeli, nawe ndikwenze uwashumayeze ukhululekile. Baya kwazi ke ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.”