Ezekiel 29:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kukulahlela entlango, wena nazo zonke intlanzi zemilambo yako; pezu kwobuso bezindle uya kuwa; akuyi kuhlanganiswa, akuyi kubutwa nokubutwa: ndikunikile ube kukutya emaṙamncweni omhlaba nasezintakeni zezulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kukulahlela entlango, wena neentlanzi zonke zemijelo yakho. Uya kuwa endle, akuyi kuhlanganiswa ubuthwe; ndikunikele ukuba ube kukudla kwamarhamncwa elizwe nokweentaka zezulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kukulahlela entlango, wena neentlanzi zonke zemijelo yakho; niya kuwa emhlabeni; anihlanganiswanga nina, anihlanganizwanga; ndaninika amarhamncwa asendle neentaka zezulu ukuba ube kukudla kwazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kukuphosa entlango wena nezo ntlanzi zasentlanjeni. Uya kuwa elubala, ungaqokelelwa bani. Ndiya kukunikela kwizilwanyana zasendle neentaka zezulu, ube lixhoba lazo.