Ezekiel 3:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati umoya wandifunqula, wandisusa; ndaza ndahamba ngobuṙaṙa, ebushushwini bomoya wam; kodwa isandla sikayehova sibe sinamandla pezu kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wandifunqula uMoya, wandisusa; ndahamba ndikrakra bubushushu bomoya wam. Saye ke isandla sikaYehova siphezu kwam, siqinile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandifunqula uMoya, wandisusa; Ke sona isandla sikaYehova saba phezu kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka uMoya wandifunqula, wemka nam, ndemka ndijijitheka, ndikhathazekile, ndonganyelwe ngamandla kaNdikhoyo.