Ezekiel 3:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndakuti kokohlakeleyo: Uya kufa ngenyaniso; ukuba akumyali, nokuba akuteti ukumyala okohlakeleyo aguquke endleleni yake ekohlakeleyo, ukuze kulondolozwe ubomi bake; lowo okohlakeleyo uya kufa etyaleni lake, negazi lake ndolibiza esandleni sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ndithi kongendawo, Inene, uya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wofa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ndithe kongendawo, Inene, uya kufa; ungathethi naye umoni, ulumkise umoni ngendlela yakhe embi, ukuba awusindise umphefumlo wakhe; Ongendawo uya kufa ngobungendawo bakhe; ke igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ndisithi kumntu okhohlakeleyo: ‘Wena uza kufa,’ waza wena akwamlumkisa okanye akwamkhalimela ukuze ahlukane nobugwenxa khon' ukuze aphile, ngokwenene loo mntu ukhohlakeleyo uya kufa ngenxa yezono zakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho.