Ezekiel 3:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nxa umyala okohlakeleyo, kanti akaguquki ekukohlakaleni kwake, nasendleleni yake ekohlakeleyo; uya kufa yena etyaleni lake, nawe uhlangule umpefumlo wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wofa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya ebubini bakhe, nangendlela yakhe engendawo, wofa ngobugwenxa bakhe; kodwa uwuhlangule umphefumlo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ukuba uthe wamlumkisa ngenxa yenkohlakalo yakhe, waza akajika kubutshijolo bakhe, úya kufa ngenxa yenkohlakalo yakhe, kodwa wena uya kusinda.