Ezekiel 3:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo, akuguquka olungileyo ekulungeni kwake, enze ubumenemene, ndandule ndibeke isiku̔bekiso pambi kwake, yena uya kufa: ngokuba ungamyalanga, uya kufa esonweni sake, nezenzo zake ezilungileyo azenzileyo, zona azisayi kukunjulwa; negazi lake ndolibiza esandleni sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungakhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo, ukuba lithe ilungisa libuya ebulungiseni balo, lenza okungendawo, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo, liya kufa; ngokuba ungamlumkisanga, wofa ngenxa yesono sakhe, nangenxa yobulungisa bakhe abenzileyo abayi kukhunjulwa; ke igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwakhona ukuba umntu olilungisa uthe waphambuka kubulungisa bakhe, wenza isono, ndaza ndambeka emngciphekweni, uya kufa. Ewe, ukuba akumnqandanga uya kufela isono sakhe, nemisebenzi yakhe yobulungisa ilityalwe. Ke lona ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho.