Ezekiel 3:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saye isandla sikayehova sibe sipezu kwam kona apo; waza wati kum: Suka, puma uye etafeni, ndandiya kuteta nawe kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sabakho apho isandla sikaYehova phezu kwam, wathi kum, Suk ume, phuma uye entilini, ndithethe nawe khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Saye isandla sikaYehova phezu kwam; Wathi kum, Yima, uye entlango, ndothetha nawe khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amandla kaNdikhoyo andongamela ndiselapho, waza wathi kum: “Phakama, uhambe uye ethafeni, apho ndiza kuthetha nawe khona.”