Ezekiel 3:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndesuka ke, ndapuma ndaya etafeni: kekaloku nabuya ubungcwalisa bukayehova bumi kona, njengobungcwalisa obo ndabubonayo ngasemlanjeni we‐Kebare: ndaza ndawa ngobuso bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndesuka ndema, ndaphuma ndaya entilini; nanko ke, kumi khona ubuqaqawuli bukaYehova obunjengobuqaqawuli obuya ndabubonayo ngasemlanjeni oyiKebhare; ndawa ngobuso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndesuka ndema, ndaphuma ndaya entilini, ndabona ubuqaqawuli bukaYehova bumi khona, bunjengobuqaqawuli endabubonayo emlanjeni oyiKebhare, ndawa ngobuso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nam ke ndaphakama, ndaya ethafeni. Babumi apho ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bunjengobuqaqawuli endabubona phezu komlambo iKebhare, ndasuka ndacambalala.