Ezekiel 3:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nolwimi lwako ndolunamatelisa ekuhlangubeni lako, ukuba ube sidenge, nokuba ungabi nguye umohlwayi kubo; ngokuba beyindlu enenkani bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kulunamathelisa ulwimi lwakho ekhuhlangubeni lakho, ube sisidenge, ungabi yindoda eyohlwayayo kubo; ngokuba bayindlu eneenkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kulunamathelisa ulwimi lwakho emlonyeni wakho, ukuze ube sisimumu, ungabi sisikhalimela esinamandla, ngenxa yokuba yindlu ezele yimvukelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna ke ulwimi lwakho ndiya kulwenza luthi nca enkalakahleni yomlomo wakho, ukuze ungakwazi ukuthetha ubakhalimele, kuba bangabantu abangabavukeli.