Ezekiel 3:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nxa nditeta nawe, ndiya kuvula umlomo wako, wauya kuti bubo: Itsho inkosi e nguyehova: Ovayo, makeve, noyekayo, makayeke; ngokuba beyindlu enenkani bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndakuthetha nawe, ndowuvula umlomo wakho, uthi ke kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ovayo makeve, owalayo makale;ngokuba bayindlu eneenkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ndakuthetha nawe, ndiya kuwuvula umlomo wakho, uze uthi kubo, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova; Lowo uvayo makeve; nothe wayishiya, makame; ngokuba yindlu ezele zizikreqo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ndakuthetha nawe ndiya kuwuvula umlomo wakho. Uze ke uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayindlu yabadelelayo.”