Ezekiel 3:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti indlu ka‐Sirayeli ayiyi kuvuma ukupulapula kuwe; ngokuba ingavumi ukupulapula kum: ngokuba yonke indlu ka‐Sirayeli ingababunzi lilukuni nabantliziyo inokanda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke indlu kaSirayeli ayiyi kuvuma ukukuphulaphula; ngokokuba abavumi ukundiphulaphula nam; kuba yonke indlu kaSirayeli ilukhuni ibunzi, igogotyile ngentliziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akavuma ke indlu kaSirayeli ukukuphulaphula; ngenxa yokuba abafuni kundiphulaphula, ngenxa yokuba yonke indlu kaSirayeli yonakele nentliziyo yabo ilukhuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa indlu kaSirayeli ayivumi kuphulaphula, kuba ayifuni kundimamela. Kaloku yonke indlu kaSirayeli ilukhuni, inenkani.