Ezekiel 30:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe ndiya kuzomeleza ingalo zokumkani we‐Babilone, kodwa ingalo zika‐Faro ziya kuwa pantsi; aeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, nxa ndinika iṙele lam esandleni sokumkani we‐Babilone, na nxa alolulayo pezu kwelizwe le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabheli, ziwe iingalo zikaFaro; bazi ukuba ndinguYehova, ekulibekeni kwam ikrele esandleni sokumkani waseBhabheli, alolulele phezu kwelizwe laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuzomeleza izandla zokumkani waseBhabheli, ziwe izandla zikaFaro; bazi ukuba ndinguYehova ekunikeleni kwam ikrele lam esandleni sokumkani waseBhabhiloni, lize lolulele kwilizwe laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kuzixhasa iingalo zokumkani waseBhabheli, kodwa yena owaseJiputa uza kuwa iingalo. Baya kwazi ke ngoko ukuba ndinguNdikhoyo, xa sendimxhobisa ukumkani waseBhabheli alityityimbisele elaseJiputa.