Ezekiel 30:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba iṙele liya kuza pezu kwe‐Jipete, notutumbelo luya kubako e‐Tiyopiya, nxa kuwayo abahlatyiweyo e‐Jipete; kwakuya kususwa isihlwele sayo, nemisekelo yayo iya kucitwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ikrele liya kuyifikela iYiputa; kuya kubakho ukuzibhijabhija kwaKushi, ekuweni kwababuleweyo eYiputa, ithatyathwe intabalala yayo, zichithwe iziseko zayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umkhonto uya kufika phezu kweYiputa; kuya kubakho iintlungu ezinkulu kwaKushi, ekuyisuseni ababuleweyo eYiputa ingxokolo yayo, zichithwe iziseko zayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Liya kufika ikrele eJiputa; intlungu iya kugaleleka eKushe. Xa bezizigede ababuleweyo eJiputa, buya kuthinjwa ubutyebi bakhona; ziya kudilizwa iziseko zayo.