Ezekiel 30:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
I‐Tiyopiya, ne‐Pute, ne‐Ludi, nabo bonke abantu abadityanisiweyo, ne‐Kube, nosapo lwelizwe locebano, baya kuwa kunye nabo ngeṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AmaKushi, namaPuti, namaLudi, nomxukuxela wonke, namaKubhi, noonyana belizwe lomnqophiso, baya kuwa likrele ndawonye nayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AmaTiyopiya namaLibhiya namaLidiya nabo bonke abantu abaxubene neKubhan namadoda elizwe awenze umnqophiso aya kuwa ngekrele kunye nawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ikrele liya kutyakatya eKushe nasePuti, eLudi nakwelama-Arabhu liphela, eKubhi nakubantu bomhlaba womnqophiso, njengokuba lisenza eJiputa.