Ezekiel 30:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ewe, baya kuwa abasekelayo i‐Jipete, lihle ke ir̔atshi lamandla ayo; kwa se‐Migidole kude kube se‐Sevene baya kuwa ngeṙele kuyo, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa abaxhasi beYiputa, lihle iqhayiya lamandla ayo. Baya kuthabathela iMigidoli, base eSevene, besiwa likrele kuyo; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa abaxhasi beYiputa; lihle iqhayiya lamandla akhe; ukusuka enqabeni yaseSiena baya kuwa likrele khona, itsho iNkosi enguMongami uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Uthi uNdikhoyo: Abangecala leJiputa baya koyiswa; amandla ayo eqhayiya aya kuwa phantsi. Baya kutyakatywa ngekrele ukusuka eMigidoli kuthi gaa ngeAswan, itsho iNgangalala uNdikhoyo.