Ezekiel 30:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngalomhla izigidimi ziya kupuma ebusweni bam ngenqanawa, ukuya kuwoyikisa ama‐Tiyopiya asekunqabeni; kwaye kuya kubako ututumbelo pakati kwawo, njengasemhleni we‐Jipete; ngokuba, bona ke, lusiza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngayo loo mini kuya kuphuma kum abathunywa ngeenqanawa, ukuze bothuse amaKushi akholosileyo, azibhijabhije ngokwawo njengasemini yeYiputa; ngokuba, uyabona, iyeza le nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini abathunywa bam bohamba ngeenqanawa, ukuze boyikise amaKushi angazange akhathale, azibhijabhije ngokwawo njengakwimini yeYiputa, kuba, khangela!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mini izithunywa zam ziya kuphuma ngeenqanawe ukuya kufaka ivuso eKushe. Baya kukhwankqiswa yintlungu ngomhla wokutshabalala kweJiputa, kuba ngenene uyeza.