Ezekiel 31:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abasemzini, abazidlwengu zezizwe, baya kumnqumla, bamlahle: pezu kwentaba nakuyo yonke imihlambo amasebe ake aya kuwa, namagatya ake aya kwapulwa ngakuyo yonke imilanjana yelizwe; babeya kuhla emtunzini wake bonke abantu bomhlaba, bamlahle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamnqumla abasemzini, abangcangcazelisi basezintlangeni bamlahla. Ezintabeni nasemifuleni yonke awa amasebe akhe;amahlamvu akhe aphukela ezihlanjeni zehlabathi lonke; zehla zemka emthunzini wakhe zonke izizwe zehlabathi, zamlahla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamtshabalalisa ke abasemzini, abakhohlakeleyo ezintlangeni, bamshiya; kuzo zonke iintaba nezihlambo amasebe akhe awela, amasebe akhe aqhaqheka kuyo yonke imilambo yelizwe; yaye bonke abantu behlabathi behla emthunzini wakhe baza bamfulathela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza wagawulwa sesona sizwe sikhohlakeleyo kwezasemzini. Amasebe awo awela ezintabeni nasezintlanjeni; aphukela kuzo zonke iingxingwa zelizwe. Zonke izizwe zehlabathi zawushiya umthunzi wawo.