Ezekiel 31:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze yonke imiti yangasemanzini ingazipakamisi ngobude bayo, nokuba ingamisi isebe layo lapezulu pakati kwamagatya abungqingqwa, nokuba yonke esela amanzi ingazimeli ngokwayo ngobupakamo bayo; ngokuba yonke inikelwe ekufeni, emazantsi omhlaba, pakati kwosapo lwabantu, ndawonye nabo behlela esihogweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze ingaziphakamisi ngenxa yobude bayo yonke imithi yasemanzini, ingawanyuseli phakathi kweengqimba zamafu amantloko ayo, ingazimeli ngokwayo ekuziphakamiseni kwayo, yonke esela amanzi. Ngokuba bonke bephela banikelwe ekufeni, ezweni langaphantsi, phakathi koonyana baka-Adam, kwabahle baya embadini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuze kungabikho namnye umthi wamanzi owuphakamisayo ube phezulu, nencam yawo ingakhuli phakathi kwamasebe ashinyeneyo, nokuba yonke imithi yawo ingabi phezu kwawo wonke umntu oseza amanzi; ngokuba bonke bephela benikelwe ekufeni, kwelasezantsi ilizwe, phakathi koonyana babantu, nabahle baya kwelabafileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngako oko sokube kuphinde kubekho mthi ukhula ngasemanzini owongamela eminye imithi ngobude, uvelele intshinyela yehlathi. Akube kuphinde kubekho mthi ufunxa amanzi emhlabeni uya kuba mde ngolo hlobo. Yonke imelwe kukufa, itshone ngaphantsi komhlaba njengabantu bonke abatshona kwelabafileyo.