Ezekiel 31:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ufana nobanina ngento enjalo ngobungcwalisa nangobukulu pakati kwemiti yase‐Hedeni? nawe uya kuhliselwa emazantsi omhlaba kunye nemiti yase‐Hedeni; pakati kwabangalukileyo uya kulala ndawonye nabahlatyiweyo ngeṙele. Lo unguye u‐Faro, naso sonke isihlwele sake, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kunjalonje, ufana nabani na ngobuqaqawuli nangobukhulu emithini yase-Eden? Uya kuhliselwa nemithi yase-Eden ezweni langaphantsi; uya kulala phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele. NguFaro ke lowo, nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ulingana nabani na ngozuko nangobukhulu phakathi kwemithi yase-Eden? kodwa uya kuphoswa phantsi nemithi yase-Eden kweyona nxalenye isezantsi yomhlaba; phakathi kwabangalukileyo uya kulala nababuleweyo ngekrele. NguFaro ke lowo, nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nguwuphi umthi kweyaseIdeni onokufaniswa nawe ngobuqaqawuli nobungangamsha? Kanti nawe, kumkani waseJiputa, uya kutshoniswa phantsi komhlaba kunye nemithi yaseIdeni; uya kulala phakathi kwabangalukanga, abo batyakatywe ngekrele. “Nditsho wena kumkani waseJiputa nezihlwele zakho zonke; ewe, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”