Ezekiel 32:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, ndiya kubenza abantu abaninzi bakutele nqa, bati okumkani babo bahlatyuzele kakulu ngenxa yako, ndakuvivinya iṙele lam ebusweni babo; babeya kututumela amaxanyana onke, abanye ngabanye ngenxa yobomi babo, emhleni wokuwa kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuzimangalisisa ngawe izizwe ezininzi, babe namanwele nokuba namanwele ngawe ookumkani bazo, ekulilingiseni ikrele lam ebusweni babo, bagubhe ngamaphanyazo onke, elowo ngenxa yomphefumlo wakhe, ngemini yokuwa kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuzimangalisa ngawe iintlanga ezininzi, babe nokoyika kunene ookumkani bazo, ekulinyuseni kwam ikrele lam phambi kwabo; baya kugubha ngamaxesha onke, elowo ngenxa yomphefumlo wakhe, ngemini yokuwa kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kukwenza ube nomdintsi ezizweni; iikumkani ziya kuba namanwele ngenxa yakho, xa ikrele lam limenyezela zijongile. Mhla waphelelwa ziya kuthuthumela zonke; zovakala zisithi: ‘Sosinda kanjani thina?’