Ezekiel 32:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kububisa zonke izilo zayo ngasemanzini amakulu; unyawo lwomntu aluyi kubuya luwenze budaka, kanjalo impupu zezilo aziyi kuwenza budaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuzitshabalalisa zonke iinkomo zayo, zimke emanzini amakhulu, lungabi sawagxobha unyawo lomntu, namanqina eenkomo angawagxobhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye yonke imfuyo yakhe ndiya kuyitshabalalisa emanzini amaninzi; nonyawo lomntu aluyi kuba sabaphazamisa, namanqina eenkomo akasayi kuba sabaphazamisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imihlambi yeenkomo ngakwezo zatyhwentywe zamanzi ndiya kutsho ife tu. Kuzo akusayi kuphinde kugxobhe nyawo lwamntu nanqina lankomo.