Ezekiel 32:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nyana woluntu! tabata isililo pezu kwo‐Faro ukumkani we‐Jipete, uti kuye: Uyafana nengonyamana yezizwe, unjengengwenya ezilwandleni, wabutyoboza emilanjeni yako, wawenza budaka amanzi ngenyawo zako, waxovula imilambo yazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nyana womntu, menzele isimbonono uFaro ukumkani waseYiputa, uthi kuye, Wafanekiswa nengonyama entsha yeentlanga, nakuba ube unjengengwenya elwandle; waxhuma emilanjeni yakho, wawagxobha amanzi ngamathupha akho, wayinyathela imilambo yawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nyana womntu, menzele isimbonono uFaro ukumkani waseYiputa, uthi kuye, Unjengehobe leentlanga, unjengentlanzi enkulu elwandle; waphuma nemijelo yakho, namanzi ngeenyawo zakho, wayihlambela imijelo yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mntundini, yitsho isililo ngokumkani waseJiputa, uthi kuye: “Kuphelile kuwe, ngonyama yezizwe! Unjengegongqongqo elwandle xa uzibhija-bhija kuloo mlambo wakho uwagxobha-gxobha amanzi ngezo nyawo zakho, atsho amdaka amanzi emlanjeni.