Ezekiel 32:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko kona i‐Helami naso sonke isihlwele sayo silingqonga incw̔aba layo, bonke behlatyiwe, bewile ngeṙele, abehlele bengalukanga emazantsi omhlaba, abasenza isoyikeko sabo sibe selizweni labahleliyo; kodwa balitwele ihlazo labo kunye nabo behlela esihogweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukhona uElam, nengxokolo yakhe yonke engeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, ababehle baya ezweni langaphantsi bengalukile; abaye besothusa ilizwe labahleliyo, bathwala ihlazo labo nabehle baya emhadini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukhona uElam, nengxokolo yakhe yonke engeenxa zonke engcwabeni lakhe, bonke ababuleweyo, abawa ngekrele, abehlayo waya ezindaweni ezisezantsi bengalukile, ababesothusa ilizwe labahleliyo; noko ke, babeneentloni ngabo kunye nabo behla beza kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ilapho iElam; ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke batyakatywe ngekrele. Bonke abatyala ivuso elizweni labaphilayo baye kulala ngaphantsi komhlaba kunye nabangalukanga. Bathwele ihlazo kunye nâbo behlayo bengena kwelabafileyo.