Ezekiel 32:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pakati kwabahlatyiweyo bayibekele umandlalo ndawonye naso sonke isihlwele sayo; amancw̔aba ayo ayamngqonga; bonke bengabangalukileyo, abahlatyiweyo ngeṙele; nakuba kube kusenzwa isoyikeko sabo sibe selizweni labahleliyo, balitwele noko ihlazo labo kunye nabo behlela esihogweni: pakati kwabahlatyiweyo ubekiwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamenzela isilili phakathi kwababuleweyo, enengxokolo yakhe yonke; aba ngeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba bothusa abasezweni labahleliyo, bathwala ihlazo nabehle baya emhadini;ubekwe phakathi kwababuleweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamenzela isilili phakathi kwababuleweyo, yena nebandla lakhe lonke; Azele nguye amangcwaba akhe: bonke abangalukileyo, bebulewe ngekrele; nakubeni uloyiko lwabo lwalusehlabathini labaphilayo, ukanti babenentloni ngabo nabo babehlela ezantsi esihogweni; Ubekwe phakathi kwabo boyisiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
IElam yenzelwe umandlalo phakathi kwezidumbu zababuleweyo, ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke bafe ngekrele bengalukanga. Ngenxa yevuso labo kwilizwe labaphilayo balithwele ihlazo kunye nâbo bahlela kwelabafileyo. Balele nababuleweyo.