Ezekiel 32:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko kona i‐Mesheki, i‐Tubali, naso sonke isihlwele sayo; amancw̔aba ayo ayamngqonga; bonke bengabangalukileyo, abahlatyiweyo ngeṙele, nakuba bebesenza isoyikeko sabo sibe selizweni labahleliyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukhona uMesheki-Tubhali, nengxokolo yakhe yonke, engeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba besothuse ilizwe labahleliyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukhona uMesheki, noTubhali, nengxokolo yakhe yonke; baphahlwe ngamangcwaba akhe: bonke bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba besothuse ilizwe labahleliyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Balapho ooMesheki nooTubhali; amangcwaba abo angqongwe zizihlwele zabo. Bonke abolukanga, batyakatywe ngekrele kuba ilizwe labaphilayo bebeliphethele ngoqhushululu.