Ezekiel 32:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bengayi kulala na ndawonye namaṙoti awileyo pakati kwabangalukileyo, lawo ahleleyo ehadesi enezixo̔bo zokulwa zawo, namaṙele awo bawabekile ngapantsi kwentloko zawo? abankohlakalo zipezu kwamatambo abo, nakuba bebesisoyikeko kumaṙoti elizweni labahleliyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abayi kulala namagorha awileyo angawabangalukileyo, abehlayo baya kwelabafileyo beneempahla zokulwa, ebekwe amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele amathambo abo; ngokuba baye besothusa amagorha ezweni labahleliyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye abayi kuba nabuhlobo kunye namageza awileyo kwabo bangembanga abo babahlisela emhadini nezixhobo zabo zemfazwe; babeke amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele emathanjeni abo, nakuba besoyikwa ngamagorha ezweni labahleliyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Balele ndawonye namanye amajoni angalukanga angcwatywe kunye nezikhali zawo zokulwa, enze ngazo umqamelo. Isohlwayo sezono zawo naso emathanjeni abo. Kaloku ivuso lawo laligqiba lonke ilizwe labaphilayo.