Ezekiel 32:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko kona i‐Edome, okumkani bayo, nazo zonke inkosana zayo, abati ebuṙotini babo babekwe nabahlatyiweyo ngeṙele; bona baya kulala ndawonye nabangalukileyo, nandawonye nabo behlela esihogweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukhona uEdom, ookumkani bakhe nezikhulu zakhe zonke, abathi benobugorha babekwa kwababuleweyo ngekrele; balala nabangalukileyo, nabehle baya emhadini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukhona uEdom, nookumkani bakhe, nabathetheli bakhe bonke, abatshabalalayo emandleni abo ngababuleweyo ngekrele; baya kulala kwabangalukileyo nabehle baye emhadini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ilapho iEdom, iikumkani neenkosana zayo; nakuba zingamakroti zilele nâbo bafe ngekrele. Bangcwatywe ndawonye nabangalukanga, abo bahlele kwelabafileyo.