Ezekiel 32:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngako ndiya kwaneka pezu kwako utambo lwam entlanganisweni yabantu abaninzi, abaya kukunyusa ngomnata wam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuwutwabulula phezu kwakho umnatha wam, kunye nesikhungu sezizwe ezininzi, zikunyuse ngomnatha wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi; Ngako oko ndiya kuzizisa phezu kwakho ndinengxokolo yeentlanga ezininzi; baya kunitsala ngomnatha wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuza nesihlwele sabantu, ndikubambise ngomnatha, baze bakurhole ngawo.