Ezekiel 32:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko kona inkosi zasenode, zona zonke, nawo onke ama‐Tsidone, abahlileyo nabahlatyiweyo, bedanele ubuṙoti babo pakati kwesoyikeko sabo; balele bengalukanga ndawonye nabahlatyiweyo ngeṙele, nehlazo labo balitwele kunye nabo behlela esihogweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zikhona iinkosi zasentla, zonke ziphela, namaTsidon onke, ezehlayo nababuleweyo; zidanile, noko beziqhiphukisa umbilini ngobugorha bazo; zilele zingabangalukileyo kwanababuleweyo ngekrele, zithwele ihlazo lazo nabehle baya emhadini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zikhona iinkosana zasentla, zonke ziphela, namaTsidon onke, ezehlileyo zabulawa; ngenxa yokunkwantya kwabo baya kudana ngenxa yamandla abo; yaye balala benganqunyulwanga kunye nabo babulewe ngekrele, yaye bathwele ihlazo labo kunye nabo behlayo baya enkampini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Zilapho iinkosana zasentla nawo onke amaSidon; awe kunye nabatyakatyelwe ehlazweni, nakuba ubunganga babo bubabanga ivuso. Balele apho bengalukanga, kunye nâbo bafe ngekrele; bathwele ihlazo labo kunye nâbo bahlele kwelabafileyo.