Ezekiel 32:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kukataza intliziyo yabantu abaninzi ndakuzisa imbujiswa yako pakati kwezizwe, emazweni ongawazanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndoyenza ibe buhlungu intliziyo yeentlanga ezininzi, ekukuseni kwam ukwaphulwa kwakho ezintlangeni, emazweni ongawazanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiza kuzikhathaza iintliziyo zeentlanga ezininzi ekuziseni kwam intshabalalo phakathi kweentlanga kumazwe obungawazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Intlaninge yezizwe yosuka ikhathazeke zakuva ngokutshatyalaliswa kwakho, nditsho namazwe ongazange uwazi.