Ezekiel 33:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiti kubo: Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, anditandi ukufa kwokohlakeleyo, koko nditanda ukuguquka kwokohlakeleyo endleleni yake, ukuba adle ubomi: guqukani, guqukani kuzo indlela zenu ezikohlakeleyo: ngokuba kunganina ukuba niya kufa, ndlu ka‐Sirayeli!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yithi kubo, Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo; kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe, aphile. Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi! Yini na ukuba nide nife, ndlu kaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yithi kubo, Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, andiyi kukuvuyela ukufa kongendawo; ukuze ongendawo aguquke endleleni yakhe nasebomini bakhe. Yini na ukuba nife, ndlu kaSirayeli?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yithi kubo: ‘Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo; akundikholisi ukufa kwabakhohlakeleyo. Ndithanda ukuba baguquke, bahlukane nezenzo zabo zobugwenxa, badle ubomi. Guqukani! Guqukani kwiindlela zenkohlakalo. Ngani ukuba nide nife, ndlundini kaSirayeli?’