Ezekiel 33:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndakuti ngolungileyo: Uya kubudla ubomi ngenyaniso; ukuba uyatembela ekulungeni kwake, enze ubumenemene, konke ukulunga kwake akuyi kukunjulwa; kodwa ngobumenemene bake abenzileyo, kwa ngabo uya kufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndakuthi kwilungisa, inene, lophila; lize ke likholose ngobulungisa balo, lenze ngobugqwetha: bonke ubulungisa balo abuyi kukhunjulwa; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ndithe kwilungisa, lophila; ukuba ke uthe akholosa ngobulungisa bakhe, enze ngobugqwetha, abuyi kukhunjulwa ubulungisa bakhe; kodwa ngenxa yobugwenxa bakhe abenzileyo, uya kufa ngabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ilungisa ndilixelele ukuba liya kudla ubomi, laza lakreqa kuba likholose ngobulungisa balo, bonke ubulungisa balo buya kulityalwa; liya kufa ngenxa yesono salo.