Ezekiel 33:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nyana woluntu! abemi bezondawo zicitakeleyo ezisemhlabeni wakwa‐Sirayeli batsho besiti: u‐Abrahame wabemnye, waza walifuya ilizwe; kanti tina sibaninzi, ilizwe linikiwe kuti libe yimfuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nyana womntu, abahleli emanxuweni emhlabeni wakwaSirayeli batsho ukuthi, uAbraham wayemnye, walidla ilifa ilizwe; ke thina sibaninzi, silinikiwe ilizwe ukuba silidle ilifa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nyana womntu, bathetha abo babehleli emanxuweni elizwe lakwaSirayeli, besithi, uAbraham wayeyedwa, walidla ilifa elimiweyo; kodwa thina sibaninzi; linikwe thina ilizwe ukuba libe lilifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mntundini, bathi abantu abahlala kuloo mabhodlo akwaSirayeli: ‘UAbraham yayikukuphela kwakhe, kodwa ilizwe lalilelakhe lonke. Kanti thina sibaninzi, makube ilizwe silinikiwe ukuba libe lelethu lonke.’