Ezekiel 33:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kulenza ilizwe libe yingcitakalo nentshabalalo, liti ir̔atshi lamandla alo lipele; kanjako intaba zakwa‐Sirayeli zoba bugxwayiba, kuze kungabiko ocanda kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, liphele iqhayiya lamandla alo, zibe senkangala iintaba zakwaSirayeli, kungacandi bani kuzo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kulenza kube senkangala ilizwe, buphele ubungangamsha bamandla alo; neentaba zakwaSirayeli ziya kuba yintlango, ukuze kungabikho bani udlulayo kuzo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilizwe ndiya kulenza libe yinkangala yentlango, aphele amandla ebelizingca ngawo, nakwiintaba zakwaSirayeli kuya kuba sebugxwayibeni, kungabikho mntu unqumlayo kuzo.