Ezekiel 33:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe, nyana woluntu! usapo lwabantu bako luyancokola ngawe ngasezindongeni naseminyangweni yezindlu; omnye uyateta kwomnye, umntu kummelwane wake, esiti: Manize ke, nive liyinina ilizwi elivela kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke, nyana womntu, oonyana babantu bakowenu bancokola ngawe ngasezindongeni naseminyango yezindlu, elowo ethetha nomnye, elowo nomzalwana wakhe, esithi, Khanize, sive ukuba lilizwi eliyini na eliphuma kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, nyana womntu, oonyana babantu bakowenu basathetha ngawe ezindongeni naseminyango yezindlu, bethetha elowo nomzalwana wakhe, besithi, Yiza, uve ukuba lithini na elo lizwi; yeNkosi phumani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wena ke, mntundini, abantu bakuni bayathetha ngawe beziziqhu ngasezindongeni nakwiminyango yezindlu, bathi omnye komnye: ‘Yizani nize kuva udaba oluvela kuNdikhoyo.’