Ezekiel 33:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandule beze kuwe njengokuza kwabantu, bahlale pantsi ebusweni bako njeng abantu bam, beve amazwi ako, kodwa abawenzi; ngokuba bona ngomlomo wabo besenza njengabatandayo kakulu, kanti intliziyo yabo iyahamba emva kwenzuzo yabo ekohlakeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza kuwe njengokuza kwabantu, bahlale phambi kwakho ngokwabantu bam, baweve amazwi akho, bangawenzi; kuba benza okukhanukwa ngumlomo wabo; intliziyo yabo ilandela inzuzo yabo embi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza kuwe njengokuza kwabantu, bahlala phambi kwakho ngokwabantu bam, baweva amazwi akho, abavuma ukwenza; kuba benza uthando olukhulu ngomlomo wabo, kodwa iintliziyo zabo zilandela ukubawa kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bam bayeza kuwe ngokwabantu bakaThixo, bafike bahlale phambi kwakho, baphulaphule loo nto uyithethayo, kodwa abenzi nto ngayo. Banenzondelelo ngomlomo, kodwa iintliziyo zabo ziyila ubuqhophololo.