Ezekiel 33:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndakuti kokohlakeleyo: Wena ukohlakeleyo! uya kufa ngenyaniso; ukuba akuteti ukumyala okohlakeleyo aguquke endleleni yake, lowo okohlakeleyo uya kufa etyaleni lake, negazi lake ndolibiza esandleni sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndakuthi kongendawo, Wena ungendawo, uya kufa, inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ndithe kongendawo, Wena ungendawo, inene, uya kufa; ukuba uthe akwamlumkisa ongendawo ngendlela yakhe, wofa ongendawo ngobungendawo bakhe; ke igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ndisithi kumntu okhohlakeleyo: ‘Inene, uza kufa, sikhohlakalindini,’ uze wena ungathethi naye umnqande kubugwenxa bakhe, ade yena afele esonweni sakhe, ityala lokufa kwakhe ndiya kulibeka kuwe.