Ezekiel 34:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakubo abalusi; negusha zam ndiya kuzibiza esandleni sabo, ndenze bayeke ukuzidlisa igusha; kanjako abalusi abayi kubuya bazidlise bona; ngokuba ndiya kuhlangula igusha zam emlonyeni wabo, zize zingabi kukutya kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndibachasile ibalusi. Ndiya kuwubiza umhlambi wam ezandleni zabo, ndibanqumamise ekwaluseni umhlambi wam, bangabi sazalusa ngokwabo abalusi; ndiwuhlangule umhlambi wam emlonyeni wabo, ungabi saba kukudla kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi; Yabonani, ndinento ngakubalusi; yaye ndiya kuwubiza umhlambi wam ezandleni zabo ndize ndikuyekise ukwalusa umhlambi wam; bangabi sazalusa bona abalusi; kuba ndiya kuwusindisa umhlambi wam emlonyeni wabo, ukuze ungabi kukudla kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nabelusi, kwaye ndiya kuwubiza kubo owam umhlambi. Ndiza kubagxotha bangabi sawalusa umhlambi wam, ukuze bayeke ukwalusela iziqu zabo. Ndiza kuwuhlangula umhlambi wam, ungabi kukudla kwabo.