Ezekiel 34:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengokuba umalusi efunisela umhlambi wake, emhleni akoyo pakati kwegusha zake ezipangaleleyo, ndiya kwenje njalo ukufunisela igusha zam; ndandiya kuzihlangula kuzo zonke indawo, apo zitiwe sa kona emhleni wamafu nobumnyama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Njengoko umalusi awuvelelayo umhlambi wakhe, ngemini yokubakho kwakhe phakathi komhlambi wakhe othiwe saa qhu, ndiya kwenjenjalo ukuwuvelela umhlambi wam; ndiwuhlangule ezindaweni zonke, owaba lusali kuzo ngemini enamafu, enamafu amnyama.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengomalusi ewugcinayo umhlambi wakhe, ngemini yokubakho kwakhe phakathi kweegusha zakhe ezichithakeleyo; ndiya kuwufuna umhlambi wam, ndiwusindise ezindaweni zonke othe saa kuwo ngemini yamafu nobumnyama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengomalusi olondoloza umhlambi wakhe othe saa, nam ndiya kuzilondoloza iigusha zam. Ndiya kuzihlangula kuzo zonke iindawo ezathi saa kuzo ngomhla wamafu nobumnyama.