Ezekiel 34:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nani, zigusha zam! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndigweba pakati kwenkomo ezincinane nenkomo ezincinane, pakati kwenkunzi zegusha nenkunzi zebokwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nina ke, mhlambi wam, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kugweba phakathi kweegusha neegusha, naphakathi kweenkunzi zeegusha neenkunzi zeebhokhwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
“Nina ke, mhlambi wam, itsho iNkosi enguMongami uYehova, ukuthi, Yabonani, ndiya kugweba phakathi kwemazi yenkomo neemazi, naphakathi kweenkunzi zeegusha neenciniba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke kuni, mhlambi wam, itsho iNgangalala uNdikhoyo: Ndiya kwahlula phakathi kwegusha negusha, ngokunjalo naphakathi kweenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.