Ezekiel 34:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nyana woluntu! profitesha ngakubo abalusi bakwa‐Sirayeli; profitesha, uti kubo, kubalusi: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Makube nzima kubo abalusi bakwa‐Sirayeli abazidlisa bona! Abalusi ngebengazidlisi igusha na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nyana womntu, profeta ngabalusi bakwaSirayeli; profeta, uthi kubo, ngabalusi abo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke abalusi bakwaSirayeli, abaye bezalusa ngokwabo! Abalusi babengafanele ukwalusa umhlambi wabo, yini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nyana womntu, profeta kubalusi bakwaSirayeli, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova kubalusi; Yeha ke, abalusi bakwaSirayeli, abazalusa ngokwabo! Abalusi mabangawalusi na umhlambi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mntundini, bakhalimele abelusi bakwaSirayeli; ewe, bakhalimele uthi kubo: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Yehaa, abelusi bakwaSirayeli abakhathalele iziqu zabo kuphela! Ngaba abelusi àbafanele kwalusa umhlambi na?