Ezekiel 34:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kuzenza zona nenqele zenduli yam zibe litamsanqa; ndonisa isipango ngexesha laso; izipango zetamsanqa ziya kubako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndowenza wona, kwaneendawo ezingeenxa zonke endulini yam, ube yintsikelelo; ndihlise imvula ngexesha elililo; iya kuba yimvula yentsikelelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndowenza wona, kwaneendawo ezingeenxa zonke endulini yam, ube yintsikelelo; ndiya kunisa imvula ngexesha layo; kuya kubakho iimvula zentsikelelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuzithamsanqelisa kunye nako konke okujikeleze induli yam. Ndiya kunisa imvula ngexesha layo; kuya kuna iimvula zentsikelelo.