Ezekiel 34:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandule umti wasendle unike ukuqa̔ma kwawo, nomhlaba unike ukuxakata kwawo, ziti zona zibeko emhlabeni wazo ngokunqaba, zazi nokwazi ukuba mna ndi nguyehova, ndakwapula izibonda zeyokwe yazo, ndizihlangule esandleni sabo bazikonzisayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umthi wasendle wonika isiqhamo sawo, ilizwe linike indyebo yalo, banqabe emhlabeni wabo; bazi ukuba ndinguYehova, ekuzaphuleni kwam izikeyi zedyokhwe, ndibahlangule esandleni sabo babebakhonzisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umthi welizwe wothwala isiqhamo sawo, ilizwe livelise ukudla kwalo, bakhuseleke ezweni labo; bazi ukuba ndinguYehova, ekuwaphuleni kwam amathambo edyokhwe yabo, ndibahlangule isandla sabo babekhonza ngokwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imithi emasimini iya kuba neziqhamo; amasimi aya kuvelisa isivuno; bona abantu bakuziva bengenalo uloyiko elizweni labo. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, mhlenikwezeni ndayophula idyokhwe abayithweleyo, ndabahlangula kwabo bebengamakhoboka abo.