Ezekiel 34:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, ngenyaniso ngokokuba igusha zam zaba lixoba, nokuba igusha zam zaba kukutya kuwo onke amaṙamncwa asendle, ngokuba engeko umalusi, nokuba abalusi bam bengabuzeli igusha zam, kodwa abalusi bayazidlisa bona, negusha zam abazidlisi;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, ngenxa enokuba umhlambi wam ulixhoba, umhlambi wam udliwa ngamarhamncwa onke asendle, ngokungabi namalusi; abalusi bam bengawukhathaleli umhlambi wam, abalusi bezalusa ngokwabo, bengawalusi umhlambi wam:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ngokuba umhlambi wam ube lixhoba, umhlambi wam ube kukudla kwamarhamncwa onke elizwe, ngenxa yokuba kungekho malusi, nabalusi bam bengawukhathaleli umhlambi wam kodwa abalusi bayazalusa ngokwabo, kwaye abawavumeli umhlambi wam udle;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNgangalala uNdikhoyo, ngenxa yokuba umhlambi wam ungenamalusi, suka wahlaselwa waba lixhoba lawo onke amarhamncwa, nasekubeni abelusi bengazifunanga ezilahlekileyo, kodwa basuke bakhathalela iziqu zabo endaweni yomhlambi wam,