Ezekiel 35:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko, ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, sendiya kwenza njengomsindo wako nanjengomona wako, obusenza ngawo ngotiyo lwako ngakubo; ndandiya kwaziwa pakati kwabo, okuya ndikugwebileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kwenza kuwe ngokomsindo wakho, nangokobukhwele bakho, obenzileyo kubo ngentiyo yakho; ndizazise kubo, xenikweni ndithe ndakugweba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kwenza kuwe ngokomsindo wakho, nekhwele lakho, owenze kubo ngentiyo yakho; kwaye ndiya kuzazisa kubo xa ndikugweba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngako oko, ndikho nje ndiyafunga, mna Nkosi Ndikhoyo, ndiza kukohlwaya ngokomsindo nobukhwele bakho, kuba wakhuphela intiyo yakho kumaSirayeli. Xa kunjalo aya kuqonda ukuba ndingakuwo.