Ezekiel 35:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kukwazi okokuba mna Yehova ndizivile zonke izigxeko zako, ozitetileyo ngakuzo intaba zakwa‐Sirayeli, usiti: Zicitakele, zipiwe tina zibe kukudla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kwazi ukuba mna Yehova ndikuvile konke ukugiba kwakho, owakuthethayo ngeentaba zakwaSirayeli, usithi, Kusenkangala kuzo, sizinikiwe ukuba zibe kukudla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kwazi ukuba ndinguYehova, ndikuvile konke ukugiba kwakho, owakuthethayo ngeentaba zakwaSirayeli, usithi, Ndiyintlango; siyinikelwe ukuba siyidle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuqonda ke ukuba mna Ndikhoyo ndizivile zonke izinyeliso zakho kwiintaba zakwaSirayeli. Uthe wena: ‘Zibhujisiwe zaza zanikelwa kuthi ukuba siziqwenge.’